UMasipala udlala indima encedayo ekukhuthazeni ukukhula koqoqosho nasekunciphiseni ukungalingani. Ngelixa ukhenketho kunye nezolimo zisengamacandelo angundoqo, injongo yethu kukwandisa intatho-nxaxheba nokuxhasa amaphulo axhobisa oosomashishini abasakhasayo, ukunciphisa imiqobo ekungeneni kwezoqoqosho kwaye sincede ekwakheni abantu abakumgangatho ophakathi owomeleleyo.